INgcali yokuNyanga - yeNtetho - uLwimi
Iziswe kuwe liSebe lezeMpilo
U-Christopher okwiqweqwe, wazalwa enokucandeka komlebe nenkalakahla macala omabini. Umlebe wakhe walungiswa xa wayeneenyanga ezi-5 kwaye uqhuba kakuhle kakhulu. Inkalakahla yakhe iya kulungiswa xa emalunga nonyaka.
MALUNGA NOMBHALI
ISALATHISO
ZITYISWA NJANI IINTSANA EZIQHELEKILEYO 2
UKONDLA NGEBELE KUTHELEKISWA NOKONDLA UNCANCISA NGEBHOTILE 3
IINGXAKI EKUHLANGATYEZWANA NAZO EKONDLENI USANA
OLUCANDEKE UMLEBE NENKALAKAHLA 4
KUTHENI UBUDE BEXESHA USANA OLONDLA NGALO LIBALULEKE
KANGAKA 5
UKONDLA NGEBELE USANA OLUCANDEKE INKALAKAHLA 5
UKONDLA NGEBHOTILE USANA OLUCANDEKE INKALAKAHLA 7
AMACEBO JIKELELE EKONDLENI NGEBHOTILE 10
EZINYE IINDLELA ZOKONDLA EZINGABANDAKANYI UKUNCANCA 10
UKONDLA NGEKOMITYI 11
UKONDLA NGECEPHE 12
UCOCEKO LOMLOMO 12
UKUFUNDA OKUNGAPHAYA 13
AMACEBO NONCEDO OLUNGAPHAYA 13
Ukondla usana olucandeke umlebe/inkalakahla
INgcali yokuNyanga - yeNtetho - uLwimi
INTSHAYELELO
Iintsana ezinenkalakahla ecandekoleyo isoloko isiba yingxaki ukuzondla ngoba umngxuma osemlonyeni umlomo awohlulwanga kumngxuma wempumlo impumlo. Isiphumo soko, usana alukwazi ukuncanca emlonyeni, ngoko ke kuye kubekho ingxaki ekunncaceni ebeleni nakwibhotile.
Ukuba mandundu kunye nohlobo lokucandeka kwenkalakahla, okohlukayo ukusuka kolunye usana ukuya kolunye, buya kumisela ukuba luyakondliwa njani na. Ukuba ngaba usana lucandeke umlebe kuphela, ziziphumo ezincinane ukuba kukho naziphi na ezinokwenzeka ngexa lokuncancisa. Kukubakhona kwenkalakahla epheleleyo okubalulekileyo kwinkqubo yokuncanca.
INDLELA USANA OLUQHELEKILEYO OLONDLIWA NGAYO
Inkqubo yokuncanca ibandakanya ubisi oluvela kwingono (nokuba mhlawumbi yibhotile okanye ibele), usana lulwenza ubisi ukuba lube yi-bolus (intlanganisela encinane engqukuva), kwaye,
Intshukumo yale-bolus ukusuka kumphambili womlomo ukuya kumva womlomo, apho iye isiwe khona esiswini. Ngesiqhelo malukwazi ukuphefumla ngempumlo ngexa lincanca ngomlomo.
Xa ingono ifakwa emlonyeni, imilebe mayivalele ingono luze ulwimi luphakame licinezela ingono kwinkalakahla eqinileyo. Ulwimi ke luye lushukume luye emva, luvumela ummandla omkhulu ukuba uvale phakathi kwemilebe nolwimi/ inkalakahla ngaphandle kokuvumela ukuba kungene umoya emngxunyeni. Ngako ke, ihamte (vacuum) liyadaleka luze ubisi lufunxelwe emlonyeni.
Ihamte lithintela ukuba ingono ingaphuncuki emlonyeni kwaye lincede ukuba usana luhlale luyibambile ingono. Imihlathi, ulwimi, izidlele neentsini ziye zicinezele ubisi ukuba luphume ebeleni.
Inkqubo yokondla iyafana nokuba ngowuphi na umthombo wokondla (ibele okanye ibhotyile). Koko isenzo esibandakanyekayo ekutsaleni ubisi ebeleni sohlukile kuneso sibandakanyekayo sokutsala ubisi ebhotileni. Ingono yebhotile ifuna umsebenzi omncinane kwimihlathi yosana, izihlunu zobuso, ulwimi, iintsini, kunye nezidlele
Ukuphuma kobusi:
Jikelele, ukuphuma kobisi ebhotileni kuyakhawuleza kunokwasebeleni, nangona oku kuchatshazelwa linani lezinto umzekelo uhlobo lwebhotile kunye nengono, kunye
Nesayizi yengono. Ukuphuma kobisi ngexa lokuncancisa ibele kuchatshazelwa kukuba nako kukamama ukuncancisa (ukukhupha ubisi) ngexa, ukuncancisa kukamama kuya kukhula xa ukuncanca kosana kukhula.
a Ubisi lwebele luyinto yenzululwazi ngokusebenza kwamalungu omzimba, enokungabinabo ubucaphu-caphu kwimicu yomzimba njengokunye ukutya kwabantwana. Iinwebu zempumlo yosana olucandekileyo azikhuselekanga, kwaye ubisi lwebele ngekhe lubenzele ubucaphucaphu.
b Ukondla ngebele kubonakala ngathi ngeke kubange iqondo elifanayo loxinzelelo ngaphakathi endlebeni njengoko ukondla ngebhotile kusenza into elungileyo, kuba iintsana ezicandeke iinkalakahla zihlala zinosulelo lwangaphakathi endlebeni. Ukuncanca okusebenzayo luvumela ukulingana koxinzelelo, okwehlisa amathuba osulela ngaphakathi endlebeni.
c Ubisi lwebele lunezilwi ntsholongwane. Luqulethe zombini i-lactoferrin ne-immunoglobis ezithintela usulelo. Iintsana ezicandekileyo ezincanciswa ibele zinenani elisezantsi zosulelo oluxeliweyo.
Nokuba usana londliwa ngebele okanye ibhotile, kufuneka ukuba lunikwe isondlo esoneleyo. Ukuncanca kunoncedo kuba kukhuthaza ukusetyenziswa kwezihlunu zobuso ezifunekayo ukuze kuphume intetho (ukuphuhla kwesandi). Ngaphaya koko, iindlela zokondla usana olusanda kuzalwa zibaluleke kakhulu. Usana oluqhelekileyo luthatha malunga nemizuzu engama-20-30 ukugqiba ukuncanca, oko ke kuvumela ukukhula kunye nesondlo esaneleyo.
IINGXAKI EZEHLAYO EKONDLENI USANA OLUCANDEKE INKALAKAHLA
Iingxaki ezehlela iintsana ezicandeke inkalakahla ziquka
Ukuncanca okulambathayo
Ukutsarhwa
Ukuphuma ngempumlo (ukuphuma kobisi ngempumlo)
Ixesha elide lokuncancisa
Ukulambatha kokunyuka kobunzima
Ukungena komoya ngokugqithisileyo
Kusana olucandeke inkalakahla, inkqubo eqhelekileyo yokondla iyaphazamiseka ngenxa yoxinzelelo lokuncanca olungaqinanga kunye neengxaki ekuye kuhlangatyezwane nazo xa kuzanywa ukucinezelwa ingono. Kuphela ziintsana ezicandeke umlebe ezingafane zibe neengxaki zokuncanca. Ukucandeka komlebe kodwa, kuye kuphazamisane nokuvala ingono. Oku kuye kubuyekezwe kukuba usana lusebenzise incam yolwimi kunye ne-alveolar ridge (le ndawo iphakamileyo yeentsini ebambe amazinyo) ukuba ivale ingono. Ukungabikho kwesivalo/ukuvaleka kungakhokelela ekuvuzeni kobisi kucandeko. Ukuphakamisa icala elicandekileyo losana xa ulincancisa nokuba kukweliphi na ibele kungathintela ukuba ubisi luvuze.
Kodwa, usana olucandeke inkalakahla alukwazi ukuvala ngasemva emlonyeni kuba umlomo nempumlo azohlulwanga. Oku kuyingxaki kuba isivalo sangasemva, esifunekayo ukuze kuvaleke, asikwazi ukwenzeka. Kwisivalo sangasemva, kufuneka kwakhiwe uxinzelelo emlonyeni ukuze ukuncanca kwenzeke. Kusana olucandeke inkalakahla, ukuzama ukwakha oku kuncanca kufana nokuvuthela ibhaloni egqabhukileyo, Kanjalo, ngaphandle koku kuncanca, usana alunako ukukwazi ukutsala ubisi kwingono. Ngaphandle kokuba nako ukudala uxinzelelo, ukuba ngaba ingono ibekwe emlonyeni wosana, isenzo esizenzekelayo siyakwenza ukuba usana luphakamise ulwimi ukuze lukwazi ukucinezela ingono kwaye lutsale ubisi. Ukungabikho kwenkalakahla kuthetha ukuba ingono iyakutyhalelwa ngqo kucandeko. Oku kukhokelela kwiingxaki ezimbini. Okokuqala, ingono ayicinezelwanga ukuba yoyame kwinkalakahla luncinane, ukuab kukho naluphi na, ubisi olutsalwayo kwaye okwesibini, ukuba ngaba ingono ikucandeko kwaye kutsalwa ubisi, luyakuya ngqo empumlweni kunokuba luye emlonyeni kwaye ubisi luyakuphuma ngamathatha. Ukuphuma kobisi ngempumlo kuye kukhokelele kubisi oluncinane oluginywayo kwaye inkqubo yonke yokuncancisa inokuba nde.
KUTHENI UBUDE BEXESHA USANA OLUNCANCA NGALO LIBALULEKILE
Amava okuncanca kusana olucandekileyo ayadinisa, olunokulala ngexa lincanca kwaye ke lungaseli lonke ubisi lwalo. Ukuba ngaba usana aluseli lubisi lwaneleyo kwisondlo ngasinye, ngeke lube nobunzima obaneleyo kwaye lusenokulahlekelwa bubunzima. Oku kwenziwa kukuba, xa usana luthatha ixesha elininzi ukuncanca, lutshisa iikalori ezininzi ngexa lincanca kunezo lizifumanayo.
Emva kokuncanca, yinto eqhelekileyo ukuba naluphi na usana lulale. Ngexa lokulala, inguqulo yokutya emzimbeni ngokuhqelekileyo iba sezantsi, eye ivumele ukunyuka kobunzima. Ngoko ke, ukuba ngaba usana olucandeke inkalakahla luhlala luvukile ixesha elininzi kuba lithatha ixeha elide ukuncanca, le yeyenye into elithintelayo ukuba lunyuse ubunzima obufanelekileyo. Kungoko ke kubalulekile ukuba ukuncancisa kungadluli kwixesha elifanelekileyo (malunga nemizuzu engama-20-30).
Xa inkqubo yokuncancisa ithatha ixesha , abazali nabo babopheleleka ixesha elide. Ixesha elininzi elichithwa ekuncanciseni, kunye nokunqongophala kwempumelelo, ziye isiphumo zaso ibe kukukhathazeka okuphezulu kubuzali.
UKUNCANCISA IBELE USANA OLUCANDEKE INKALAKAHLA
Uhlobo locandeko oluneempembelelo kwimpumelelo yokuncancisa ibele. Ukuncancisa ibele usana olunocandeko olucalanye kunokwenziwa lula ukuba ngaba ingono ibekwa kwicala lomlomo elingachaphazelekanga. Usana kwakhona kufuneka lubanjwe ngendlela yokuba ukucandeka kuhlale kujonge phezulu. Oku kuthintela ukuba ubisi luphume emlonyeni into enokwenzeka ukuba ngaba ucandelo lujongiswe ezantsi.
Ukunciphisa ukubamba kunye nokuncanca okulambathayo, umama kufuneka ayibambe emlonyeni ingono ngexesha lokuncancisa. Isogqumi ngono kunye netiti nazo zinokusetyenziswa.
Oomama kufuneka bakhuthazwe ukuba bancancise ngeendlela ezohlukeneyo ukwenzela ukuqonda ukuba yeyiphi indlela ebasebenzelayo, umzekelo ukubamba usana lukwimo engqalileyo engonweni. Oku kunciphisa ithuba lokutsarhwa kunye nokuba ubisi luye empumlweni. Ukuba ngaba ubisi lwebele luvuzela empumlweni, ngoba lulwelo lwendalo lomzimba, alutyabuli iinwebu zangaphakathi.
Ngesiqhelo ukuncancisa makungathathi ngaphezulu kwemizuzu engama-30 kwaye indlela yokuncancisa ngebele kufuneka imiselwe msinyane nje emva kokubeleka. Usana lunokuncanciswa rhoqo kunosana olungacandekanga, malunga nakwiiyure ezintathu.
I-obturator nayo inokuba luncedo. Esi sisixhobo sokunyanga izifo zamathambo, okanye i-plate, esetyenziswa ukuvala ukucandeka kwinkalakahla. Oku kuvumela ukuba ukuncancisa kuphumelela ngeendlela zonke. Oomama banokuzama kwakhona ukufaka ibele phakathi kweminwe yabo kunye nobhontsi becinezela ibele ukwenzela ukunceda ukuphuma kobisi. Ukubeka incam yomnwe kucandeko lomlebe kuyakunceda ukwenza isiciko esingcono ukuze kuncanceke. Kukwakhona okubi ekuncanciseni ibele usana olucandeke inkalakahla:
a Usana lunokungabinakho ukubamba kunye nokuncanca kakuhle, kwaye okunxulumene noku lunyino lokubanako ukwenza uxinzelelo olungaphakathi komlomo.
b Ukukhathazeka kunokwehlela bobabini umama nosana njengoko isiphumo sexesha lokondla sinokutsala, kuba usana lusokola ukuncanca.
c Izinga lokuphuma kobisi lisezantsi, iziphumo zoko ke kukuba usana lungondleki kakuhle. Yiloo nto ke ukunyusa ubunzima kuyinto ekhathaza kakhulu d Ngexa lokuncancisa ibele kunzima ukutsho ukuba lubisi olungakanani oludontsiweyo lwaze lwaginywa. Ukusetyenziswa kobusi olukhanyiweyo ebeleni kungayisombulula le ngxaki. Qiniseka ukuba umntwana ulimanzisa kakhulu ngokwaneleyo ileyile lakhe. Oku kuqinisekisa ukuba akomi.
e Oomama bangehlelwa kukugcwala kwamabele ukuba ngaba usana alutsali bisi lwaneleyo.
Ukukhama ubisi kunye nokuncancisa ngebhotile ethambileyo kwenza ukuba usana luxhamle ekuncanceni ubisi lwebele, kodwa ngaphandle kweengxaki zenkqubo yokuncancisa ibele.
Ukuba ngaba ukuncancisa ngebele kuyaphumelela, kuyonelisa, kodwa, ukuba ngaba akusebenzi, oomama banokunikwa indlela yokukhama ibele kwaye bondle ngezinye iindlela zokondla. Nangona umama kufuneka asoloko ekhuthazwa ukuba azame ukuncancisa ngebele, kwizehlo ezininzi, kuye kungaphumeleli.
UKONDLA NGEBHOTILE USANA OLUCANDEKE INKALAKAHLA
Ukondla ngebhotile kuyakhetheka kunokondla ngecephe okanye i-nasogastric tube, ngoba inika amava okuncanca, abalulekileyo kuphuhliso lwentetho kunye nemihlathi. Ukuncancisa ibele kuhlala kusoloko kunzima, ukuncancisa ibhotile kumaxesha amaninzi kuba kokona kukhethwayo. Ukuba kuyenzeka, malukhanywe ubisi lwebele luze lunikwe ngebhotile.
Usana kufuneka lubanjwe ngokwendlela emileyo. Le yindlela yendalo, evumela ukuba umbizane womhlaba uncede ukuba ubisi luvuzele ezantsi. Kwaye ikwanceda ekuthinteleni ukuba ubisi lungagcwali kwiityhubu ze-Eustachian kunye nakwiindlebe ngaphakathi.
Okukhethekayo kukuba ibe yititi ethambileyo yerabha kune-silicon. Ititi ingabiliswa amaxesha amaninzi ukwenzela ukuba ithambe. Ititi ebanzi emcaba efana ne"Nuk" kunye nezinye ezinemilo efana nayo ziluncedo kwiintsana ezicandeke inkalakahla, kwaye zinokukhethwa ngoogqirha bamazinyo. Enye ititi eluncedo yeyerabha ye-Pigeon, enosiko olungunxantathu. Ibhotile enokucinezeleka nayo inokuba luncedo, kunaleyo iqinileyo, ngoba unokuncedisa ufake ubisi kumlomo wosana ngokuyicinezela ibhotile.
Ititi enomngxuma omkhulu kunoqhelekileyo okanye esikwe ngokunqamlezileyo inokunceda ukuba ubisi luhambe. Oku kwenziwa kukuba ukudontsa kunzima, kwaye usana ludinwa ngokukhawuleza. Kodwa umngxuma akufuneki ukuba ube mkhulu kakhulu ngendlela yokuba ubisi luvuze xa ibhotile ithanjekisiwe, ngoba umntwana uyakutsarhwa. Endaweni yoko ubisi lungathontsiza kancinane. Ukwenza umngxuma omkhulu, sebenzisa inaliti etshisiweyo. Ukutshisa ititi inqamleze, yiphendule, uze usike unqamlezo olumalunga ne-5mm ngokunqamlezileyo usebenzisa ireyiza ebulewe iintsholongwane. Uze ke uphinde uyiphendule ititi ngendlela eyiyo.
Ukuncanca kunzima kumntwana ocandeke inkalakahla ngoko ke umntwana uye adinwe msinyane. Ukwenza ukuba ukuncancisa kube lula, ititi enomngxuma omkhulu kunoqhelekileyo, okanye ititi esikwe ngokunqamlezileyo, inokusetyenziswa ngoba yenza ukuba ubisi luphume lula.
Nayiphi na indibaniselwano yetiti kunye nebhotile elungileyo yeyona kufuneka isetyenziswe! Ukuqonda ukuba indibaniselwano ilungile okanye ayilunganga na, umntwana kufuneka ancance kakuhle, ongeze ubunzima, kwaye kufuneka uzive ukhululekile ngokumncancisa. Ukuab ngaba usana lunako ngebhotile kunye netiti eziqhelekileyo, yisebenzise ke ngoko ngandlela zonke. Nokuba kokuphi okukhethayo, kufuneka kufumaneke kwaye kufikeleleke. Ngaphaya koko, inani leetiti ezikhethekileyo zenzelwe usana olucandeke inkalakahla. Ezona kufumaniseke ukuba ziluncedo zezi zilandelayo:
Ibhotile yenziwe yathamba, iyiplastiki ecinezelekayo, kwaye inemilo "emcaba" okanye embhoxo. Oku kuvumela ukuba umkhathaleli akwazi ukuyicinezela ngokwaneleyo ukunceda usana ukuba lufumane umthamo owoneleyo wobisi.
Ititi inde kwaye incinane kunezinye iititi eziqhelekileyo, kwaye isikwe ngokunqamlezileyo ekupheleni. Umsiko onqamlezileyo awuluvumeli ubisi ukuba luvuze ukuba ngaba usana aluyilumi okanye aluyincanci ititi. Kuphela kuxa usana luzama ukuncanca apho ubisi luphuma khona. Ukuhambelana phakathi kokuncanca kosana kunye nokucinezela komkhathaleli kuyamiseleka.
Phantse nayiphi na ititi inokufakwa kwibhotile ye-Mead-Johnson, kwaye nangona ukuvuza kusenzeka kumaxa athile ngetiti eyahlukileyo, oku akothusi, yibhibhi kuphela efunekayo.
Iibhotile zakwa-Mead-Johnson ziyafumaneka eMzantsi Afrika, nangona zingafumaneki kwikhemisti yakho oyiqhelileyo.**(Jonga kwiphepha le-13)
Ivalvu engumsiko evuleleka kwititi enokumiswa ngendlela yokulawula ukuphuma kobisi okuya kwiqanda, ukuphuma okuphakathi, kunye nokuphuma okuphezulu.
Ititi ethambileyo inokucinezelwa kakuhle ize ikhululwe ukwenzela ukuba ihambelane/ivuze imizamo yokuncanca kosana.
Le bhotile ixabiso layo lixhomile. Nayo iyafumaneka eMzantsi Afrika, nagona ingafumaneki kwikhemisti yakho eqhelekileyo kodwa ifumaneka kwiimveliso ze-Medela
(Jonga kwiphepha le-13). I-Feeder iza njengeyunithi, kuqukwa ibhotile, isiciko, idiski, ivalvu kunye nengono.
Akwenziwa isincomo sayo i- Haberman Feeder kwiintsana ezineengxaki zokuginya njengezo zinengxaki ekususeni ubisi emlonyeni lusiya emqaleni.
AMACEBO JIKELELE EKONDLENI NGEBHOTILE
Ititi kufuneka ukuba ibekwe emlonyeni wosana ukuze ilale phantsi kweshelufa yethambo lenkalakahla okanye kwipleyiti yokondla. Oku kuvumela ukuba usana lucinezele ulwimi lwalo, kunye netiti, ethanjeni kwaye ngokwenza oko lutsale ubisi. Ukuba ngaba ititi ibanjwe yema nkqo emlonyeni wosana, iyakucinezeleka kwinkalakahla kwaye ubisi luya kuya empumlweni kunye nasemlonyeni.
Kuba usana lungaginya umoya omninzi ngexa lincanca, kufuneka lubhodliswe rhoqo, kwimizuzu embalwa. Ukuba ngaba usana luyarhaxwa, ukuncancisa makunqunyanyiswe, malulaliswe ngesisu emadolweni akho kwaye uluphulule kakhulu ngomva wesandla sakho phakathi kwamagxalaba. Uze ke wosule ubisi empumlweni. Ukuba ngaba ukutsarhwa kuyaqhuba, kufuneka usana luncanciswe kancinane, kwaye ubisi lungaze lubetheke emva emqaleni. Ititi enomngxuma omncianen, ekhuphela ubisi emlonyeni kancinane ngexesha elinye, nayo inokunceda ukuthintela ukutsarhwa.
Inokuba yinkqubo ecothayo, ngoko ke kubalulekile ukuba umzali abe nomonde kwaye aphole, kwaye athathe ixesha elaneleyo lokondla. Ukuncancisa ngee kuthathe ngaphezulu kwemizuzu engama-30 ukuya kwengama-45 qho kwiiyure ezi-3 ukuya kwezi-4. Usana kufuneka luhlale lubanjiwe, ngothando, luphululwa kwaye kuthethwa nalo. Eli lelona xesha libalulekileyo lobudlelwane obusondeleyo phakathi kukamama nosana.
EZINYE IINDLELA ZOKONDLA EZINGABANDAKANYI UKUNCANCA
Ukubaluleka kokuncanca kuxinzelelwe, kodwa ukuba ngaba ukuncancisa ibele kunye nebhotile akuphumeleli, okanye ukuba ngaba ugqirha wenza utyando kwinkalakahla unokwenza isincomo sokunqunyanyiswa okwexeshana kwezi ndlela ngexa lokuchacha, ezinye iindlela zinokuzanywa nazo. Ezi ziquka ukutyisa ngemagi, isirinji, i-dropper okanye itisipuni.
UKONDLA NGEMAGI
Ukondla ngemagi yenye indlela elungileyo, kuba ikhuselekile, icocekile, ilula kwaye iyafikeleleka, kwaye inokusetyenziswa ekukhameni ubisi lwebele. Sebenzisa imagi encinane efana neMagi yoKondla yomNtwana (Baby Cup Feeder) efumanekayo kwiimveliso zakwa-Medela*. Yihlambe uyibulale iintsholongwane imagi uze ugalele isiqingatha sobisi. Hlalisa umntwana ethangeni lakho, uxhase intloko yakhe. Unokuzisonga iingalo zakhe ukwenzela ukuba angayingqubi imagi. Sondeza imagi emilebeni yakhe, kwaye xa ewuvula umlomo wakhe, thambekisa imagi. Uyakusela ke ubisi emagini. Ungalugaleli emlonyeni wakhe ubisi. Mphumze phakathi kokusela. Uyakusela ngexesha lakhe kwaye alawule ukusela ubisi lwakhe. Xa onele, uyakuvala umlomo wakhe angavumi ukusela kwakhona. Qaphela ukuba usela kangakanani na ngosuku olupheleleyo, hayi ngokondla okukanye
UKONDLA NGECEPHE
Ukondla ngecephe kuhamba kancinane kakhulu, kodwa kunokusetyenziswa njengenye indlela xa ezinye iindlela zingaphumelelanga.
Le yindlela yokugqibela esetyenziswa ukondla usana olucandeke inkalakahla. Ityhubhu ifakwa nempumlweni yosana, ize ingqaliswe kummizo, idlula kumbhobho womoya, luze ubisi lugalelwe kwityhubhu. Yindlela engenzi ntshukumo, ngoba usana zi mzamo kwaphela, kodwa yeyona ndlela ithembekileyo eyenza ukuba abe mkhulu kwaye enyuse nobunzima. Ikhuthazwa ngamandla into yokuba ancance idami umzekelo i-Nuka Orthodontic dummy, ingakumbi ngamaxa okondla. Oku kuya kukhulisa indlela yokuncanca ngokuzenzekelayo, ebalulekileyo ekukhuleni kwemihlathi kunye nokuthetha. Iyakufundisa usana kwakhona ukuba ngexa luncanca, isisu salo siyagcwala! Ukongeza. Usana kufuneka lubanjwe ngendlela efanelekileyo yokuncancisa. Xa kufezekile, ukondla nge-naso-gastric kufuneka kunqunyanyiswe ngoko nangoko.
UCOCEKO LOMLOMO
Nokuba yeyiphi na indlela yokondla esetyenziswayo, kubalulekile ukugtcina zonke iindawo ezijikeleze ucandeko zicocekile. Emva kokuba umntwana etyisiwe, mnike amanzi abilisiweyo aze apholiswa ngebhotile ukwenzela ukususa ukutya okuseleyo kucandeko. Umcinga onekhothini omanzi (cotton bud) nawo unokusetyenziswa ukucoca ucandeko. Ukuba ngaba ukutya kuyekiwe ukuze kupakane, kuyakudibana nokukhutshwa ziimpumlo kunye nomlomo kuze kwenze iqweqwe, olunokubanga usulelo kule ndawo.
Ilizwi lokugqibela lenkuthazo: Ngokongezeka kobunzima usana luyakuba lukhulu kwaye lomelele, ekugqibeleni luyakukwazi ukusebenzisa nokuba yeyiphi na ititi kunye nebhotile, okanye luye ngqo emagini. Ayiyomfuneko ukulibazisa ukulumla usana olucandekileyo, kwaye kufuneka luphathwe ngokuqhelekileyo kangangoko.
NGOKUFUNDA NGOKUNGAPHAYA
Ikliniki okanye isibhedlele sakho sengingqi
Isibhedlele sakho sengingqi
